14 Wakuva ke oko ukumkani uHerode, kuba igama likaYesu lalithe laduma, kusithiwa: “UnguYohane umbhaptizi ovusiweyo kwabafileyo; kungoko ayenzayo le mimangaliso.”
15 Abanye babesithi: “ÚnguEliya;” abanye besithi: “*Úngumshumayeli ofana nabashumayeli bamandulo.”
16 Ekuvile ke oko uHerode, wathi: “Lo nguYohane, lowa ndamnqumla intloko. Naku evukile ngoku!”
17 Kuba uHerode ngokwakhe wayethumele ukuba abanjwe uYohane, afakwe entolongweni. UHerode wakwenza oku ngenxa kaHerodiya awayethe wamzeka nangona angumka-Filipu, umninawe wakhe.
18 Kaloku uYohane wayethe kuHerode: “Akuvumelekanga ukuba umthathe umfazi womntakwenu.”
19 UHerodiya ke wamxhiba, wazungula ukumbulala. Kodwa wayengenako,
20 kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elungileyo, engcwele, waza wambeka elugcinweni. UHerode wayethanda ukumphulaphula uYohane, nangona wayedideka kakhulu akumva.