34 Uthe ke uYesu, akuphuma esikhitshaneni, wasibona eso sihlwele, wavelana naso, kuba sasinjengeegusha ezingenamalusi, waza ke wasifundisa izinto ezininzi.
35 Lakuba limkile ixesha, abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile;
36 bandulule abantu bemke, baye emizini ejikelezileyo nasezidolophaneni, bazithengele ukutya.”
37 Kodwa waphendula wathi kubo: “Bapheni nina ukutya.”Bathi kuye ke: “Masithini ke? Uthi masiye kuthenga izonka zeerandi ezingamakhulu amabini, sibaphe batye?”
38 Wathi yena kubo: “Izonka eninazo zingaphi? Hambani niye kukhangela.”Besazi ke, bathi: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.”
39 UYesu wabayalela abafundi bakhe ukuba babahlalise phantsi bonke engceni eluhlaza, babe ngamaqela ngamaqela.
40 Bahlala phantsi ke bengamaqela ngamaqela, bengamakhulu namashumi ngamahlanu.