15 Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto eziphuma kuye entliziyweni ngaphakathi ezimngcolisayo. [
16 Ke oneendlebe zokuva makeve.]”
17 Akungena endlwini, evela kwindimbane leyo, abafundi bakhe bambuza intsingiselo yala mazwi.
18 Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa?
19 Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.
20 Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo.
21 Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala,