18 Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa?
19 Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.
20 Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo.
21 Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala,
22 ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa.
23 Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”
24 Emkile apho uYesu, waya emideni yaseTire; wangena endlwini, engafuni ukuba kwaziwe ukuba ukho, kodwa akaba nako ukufihlakala.