12 Watsho ngesingqala esibuhlungu, wathi kubo: “Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Ndithi kuni, inene, soze siwunikwe umqondiso onjalo esi sizukulwana!”
13 Wabashiya, waphinda wakhwela esikhitshaneni, wemka waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.
14 Abafundi babelibele ukuphatha izonka, benesonka esinye kuphela esikhitshaneni.
15 Wabayala uYesu esithi: “Ligqaleni nililumkele igwele labaFarasi negwele likaHerode.”
16 Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singenazonka.”
17 UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka? Anikaqiqi na; aniqondi na? Ngaba iqaqadekile na intliziyo yenu?
18 Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na