19 UYesu waphendula wathi kubo: “Sizukulwanandini esingakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezela? Mziseni kum!”
20 Bamsa ke. Loo ndimoni, yakumbona uYesu, yesuka kwangoko yamhlasela watsho waxhuzula unyana lowo, wawa emhlabeni, wamana eqika-qikeka, elephuza amagwebu.
21 UYesu ke wabuza kuyise ukuba únaxesha lingakanani na ehliwe yile nto.Wathi yena: “Kwasebuntwaneni bakhe.
22 Le ndimoni imphose kaninzi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba imtshabalalise. Ke ukuba unako ukwenza into, sincede uvelane nathi.”
23 Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”
24 Kwangoko ke wakhala uyise womntwana lowo, wathi: “Ndiyakholwa! Ndincede apho ukholo lwam lungenakufikelela khona!”
25 UYesu ke, ebona isihlwele sibuthelana ngakumbi, wayikhalimela indimoni, esithi kuyo: “Ndimonindini engathethiyo, esisithulu, ndithi kuwe, phuma kuye, ungaze uphinde ungene!”