15 kanti ùya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.
16 Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?
17 eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; àyabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke?
18 Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe;
19 ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo.
20 Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi.
21 Oonyana bakhe balungiseleni ukusikwa, ngenxa yobugwenxa booyise, Mabangesuki balidle ilifa ihlabathi, bazalise elimiweyo ngemízi,