8 Khupha abantu abaziimfama benamehlo, nabazizithulu beneendlebe.
9 Nonke zintlanga, buthelanani ndawonye, zihlangane izizwe. Ngubani na kuni onokukuxela oko? Mabasivise izinto zangaphambili, mabamise amangqina abo, bagwetyelwe; mabeve ke abantu, bathi, Yinyaniso.
10 Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye.
11 Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim.
12 Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.
13 Unanamhla ndinguye, akukho unokuhlangula esandleni sam; ndísebenza, ngubani na ke onokukubuyisa oko umva?
14 Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo.