3 ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli.
4 Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho, ndakuthiya namanye amagama, ungàndazi.
5 NdinguYehova; akukho wumbi, akukho Thixo ingendim.
6 Ndakubhinqa ungàndazi, ukuze bazi, bethabathela ekuphumeni kwelanga bese nasekutshoneni kwalo, ukuba akukho namnye ingendim; ndinguYehova, akukho wumbi.
7 NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, uMenzi woxolo, uMdali wobubi: mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke.
8 Vuzisani, mazulu phezulu síkhumezele ubulungisa isibhakabhaka; mawuvuleke umhlaba, uqhame usindiso, uhlumise ubulungisa kunye: mna Yehova ndikudalile oko.
9 Yeha ke, obambana noMenzi wakhe! Ligophe emagopheni ezitya zomdongwe! Udongwe lunokuthi na kumbumbi walo, Wènza ntoni na? nomsèbenzi wakho unokuthi na, Akunazandla?