8 Kaloku ke yiva oku, wena mxhamli weziyolo, uhleliyo ukholosile, wena uthi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukungabi nabantwana.
9 Ziya kukuzela ezo zinto zombini ngephanyazo, ngamini-nye, ukungabi nabantwana nobuhlolokazi; ziya kukuzela ngokugqibelela kwazo ebuninzini bokukhafula kwakho, enkitheni eninzi yomabophe bakho.
10 Ngokuba ukholose ngezinto zakho ezimbi, wathi, Akukho undibonayo; ubulumko bakho nokwazi kwakho kúko okukuphambanisileyo; wathi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi.
11 Bokuzela ke ububi, ungakwazi ukubunyanga; ikuwele inkohlakalo, ungabi nako ukuyicamagushela; ikuzele ngesiquphe intshabalala ongayaziyo.
12 Khawumise ngomabophe bakho, nangokukhafula kwakho okuninzi, ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho; mhlawumbi ungaba nokunceda, mhlawumbi ungaba nokweyisa.
13 Ùdiniwe bubuninzi bamaqhinga akho; mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo.
14 Yabona, basuke baba njengeendiza; umlilo ubatshisile; abanakuwuhlangula umphefumlo wabo emandleni elangatye; akukho lahle lakuzifudumeza, akukho mlilo kungahlalwa phambi kwawo.