2 Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba.
3 Thobani iindlebe zenu, nize kum; yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenzè umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo.
4 Yabona, ndimenzé ingqina ezizweni, ingànga nomwisimethetho ezizweni.
5 Yabona, ùya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaSirayeli, kuba ekuhombisile.
6 Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi.
7 Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.
8 Kuba iingcinga zam asizizo iingcinga zenu, neendlela zenu asizizo iindlela zam, utsho uYehova.