23 Kanti ke amaphakathi okumkani wama-Aram wona amcebisa athi: “Kaloku oothixo bamaSirayeli ngoothixo abahlala ezintabeni; yiyo le nto esongamele kangaka nje! Ukuba sinokulwa nawo emathafeni akuthandabuzeki ukuba singawoyisa.
24 Ngoko ke yenza le nto: basuse ookumkani abo, uze ezindaweni zabo ufake amanye amagosa.
25 Gaya umkhosi olingana nalowa besinawo, kube njalo emahashini nasezinqwelweni, ukuze sibe nako ukulwa namaSirayeli emathafeni. Xa siyenzile ke loo nto siya kuwongamela.” Ukumkani walamkela elo cebo, waza ke wenza njengoko.
26 Entlakohlaza uBhenadadi wawuqokelela umkhosi wakhe, waza waphuma nawo ama-Aram, wajonga eAfeki, esiya kulwa namaSirayeli.
27 Athe akuba eqokelelene amaSirayeli, axhoba, anikwa nomphako, aphuma ahlangabeza. Ke amaSirayeli emisa malunga nama-Aram ethe xakalala kuloo ntili, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe.
28 Umfo wakwaThixo ke weza kukumkani wakwaSirayeli, wathi kuye: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngenxa yokuba ama-Aram la esithi uNdikhoyo nguThixo weentaba, asiThixo wazo iintili, ngoko ke loo nyambalala yomkhosi wawo ndiza kuyinikela ezandleni zakho, ukuze uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”
29 Yaba ziintsuku ezisixhenxe ijamelene loo mikhosi, yaza ke yadibanisa ngolu lwesixhenxe. Ngamini-nye nje, amaSirayeli alalisa iingxwelerha ezilikhulu lamawaka kuma-Aram angamajoni ahamba ngeenyawo.