19 Ngabusuku buthile lo mfazi wamfuthanisela wafa unyana wakhe.
20 Kwakuba njalo ke uvukile wachwechwa ezinzulwini zobusuku, weza kûba unyana wam ecaleni lam, mna ke sicakazana sakho ndilele thwii. Suka ke wathatha lo nyana wakhe ungasekhoyo wambeka esifubeni sam, lo wam wamncancisa kuye.
21 Ndithe ke ndakuvuka ngentsasa elandelayo, ndizama ukuncancisa usana lwam, lwaye lungasekho! Kuthe ke kwakukhanya ndamqwalasela, ndafumanisa ukuba lo asinguye unyana wam endimzeleyo.”
22 Omnye lo ke umfazi wathi: “Hayi bo! Lo mntwana uphilayo ngowam; owakho ngulo ufileyo.”Lo wokuqala ke umfazi wathi: “Unotshe! Owakho ngulo ufileyo; ngowam lo uphilayo!” Yaba yiloo mpikiswano ke apho phambi kokumkani.
23 Ukumkani ke wathi: “Oo! Lo uthi: ‘Ngunyana wam lo uphilayo, ngunyana wakho lo ufileyo;’ abe omnye esithi: ‘Hayi khona, ngunyana wakho lo ufileyo, owam ngulo uphilayo!’ ”
24 Suka ke ukumkani wathi: “Ndiziseleni ikrele.” Walinikwa ke ukumkani ikrele elo.
25 Wayalela wathi: “Mahluleni kubini lo mntwana uphilayo, icala nilinike omnye waba bafazi, omnye ke nimnike icala.”