17 Kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anethoba uAzariya elawula kwaJuda, uMenahem unyana kaGadi waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya ishumi leminyaka.
18 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. Ngalo lonke ithuba lombuso wakhe akashenxanga kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela uSirayeli kuzo.
19 Ke kaloku uPuli ukumkani waseAsiriya wahlasela uSirayeli, waza ke uMenahem wamnika amashumi amathathu anesine amawaka eekhilogram zesiliva ukuze amxhase, futhi abe nokumila embusweni wakhe.
20 Le mali ke uMenahem wayibiza ebantwini abazizityebi. Wonke umntu omi kakuhle wayekhupha amashumi amahlanu eesiliva ukuze kurhunywe kukumkani waseAsiriya. Ngoko ke ukumkani waseAsiriya warhoxa emhlabeni wakwaSirayeli.
21 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaMenahem nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
22 UMenahem waya kuphumla nooyise, kwaza ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uPekaya.
23 Ngonyaka wamashumi amahlanu elawula kwaJuda uAzariya, uPekaya unyana kaMenahem waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya, waza walawula iminyaka emibini.