25 Elinye lamaphakathi akhe injengele uPeka unyana kaRemaliya wamenzela iyelenqe. Wathatha amashumi amahlanu kumadoda aseGiliyadi, waza wambulala uPekaya ndawonye noArgobhi noAriye enqabeni yebhotwe lakomkhulu eSamariya. Ewe, uPeka wambulala uPekaya, waza ke wangena esikhundleni sakhe.
26 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaPekaya nayo yonke imisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
27 Ngonyaka wamashumi amahlanu anambini elawula uAzariya kwelakwaJuda, uPeka unyana kaRemaliya waba ngukumkani wakwaSirayeli, waza walawula eSamariya iminyaka emashumi mabini.
28 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo wawalukuhlela kuzo amaSirayeli.
29 Ngexesha likaPeka, ukumkani wakwaSirayeli, ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere weza wafika wathimba i-Iyon, iAbhele-bhete-mahaka, iYanowa, iKedeshe, neHazore. Wayithimba neGiliyadi ndawonye neGalili (lonke elikaNafetali), waza abemi wabafudusela eAsiriya.
30 Ke uHosheya unyana kaEla wamenzela iyelenqe uPeka unyana kaRemaliya. Suka wamhlasela wambulala, waza wangukumkani esikhundleni sakhe xa uYotam unyana kaUziya wayekunyaka wamashumi amabini elawula kwaJuda.
31 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaPeka, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.