7 UIsaya uqhube wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane.” Ngenene ke balibekela ithumba elo, waza ke waphila.
8 UHezekiya wabuza kuIsaya wathi: “Woba yintoni na umqondiso wokuba uNdikhoyo uya kundiphilisa ndize ndibe nako ukuya endlwini kaNdikhoyo ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku?”
9 UIsaya wathi: “Nanku ke umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe. Ùthi isithunzi masiye phambili ishumi leenyawo okanye sibuye umva ishumi leenyawo?”
10 UHezekiya wathi: “Yinto engenamsebenzi ukuba isithunzi siye phambili ishumi leenyawo. Hayi, kanye masibuye umva ishumi leenyawo.”
11 Ke umshumayeli uIsaya wanqula uNdikhoyo, waza uNdikhoyo wasibuyisa umva isithunzi kangangeenyawo ezilishumi apho kwisitupu sika-Ahazi.
12 Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba uHezekiya ubekhe wagula. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho.
13 UHezekiya wazamkela izigidimi ezo, waza wazibonisa konke okwakukoovimba bakhe: isiliva negolide, ubulawu neziqholo, nazo zonke izikrweqe zakhe zomkhosi. Wazingenisa kubo bonke oovimba bakhe, akwabikho nto zingayibonanga apho ebhotwe nakubukumkani bakhe buphela.