23 ke thina sivakalisa uKrestu ebethelelwe emnqamlezweni; into ke leyo esisikhubekiso kumaJuda nebubudenge kumaGrike.
24 Ke kwabo babiziweyo, amaJuda kwanamaGrike, sivakalisa uKrestu ongamandla nobulumko bukaThixo.
25 Kaloku into kaThixo ebubudenge, inobulumko kuneyabantu; nento kaThixo engathi ayinamandla, yomelele kuneyabantu.
26 Mawethu, yikhumbuleni into enaniyiyo ukubizwa kwenu nguThixo. Babembalwa kuni abazizilumko ngokomgangatho wabantu, bembalwa abanamandla, bembalwa abangabantwana begazi.
27 Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi zibubudenge ebantwini, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko. Ngokunjalo ke uThixo unyule nezinto ezibonakala ngathi azinamandla ngokwabantu, ukuze ngokwenjenjalo adanise abanamandla.
28 Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini.
29 Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.