26 Mawethu, yikhumbuleni into enaniyiyo ukubizwa kwenu nguThixo. Babembalwa kuni abazizilumko ngokomgangatho wabantu, bembalwa abanamandla, bembalwa abangabantwana begazi.
27 Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi zibubudenge ebantwini, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko. Ngokunjalo ke uThixo unyule nezinto ezibonakala ngathi azinamandla ngokwabantu, ukuze ngokwenjenjalo adanise abanamandla.
28 Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini.
29 Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.
30 Kaloku uThixo unimanye noKrestu Yesu osityhilela bonke ubulumko bukaThixo. Ngaye uThixo usenza amalungisa, asenze imilowo yakwakhe, asinike inkululeko.
31 Ngoko ke, njengoko iziBhalo zitshoyo: “Oqhayisayo makaqhayise ngeNkosi.”