3 Ndathi ke, ndakufika kuni, ndaba ngobuthathaka, ndinoloyiko, ndigubha kakhulu.
4 Ukuthetha kwam nokuvakalisa kwam uKrestu akubanga ngabuciko. Hayi, kube kukubonakalisa amandla oMoya kaThixo.
5 Ngoko ke ukholo lwenu malungaxhomekeki bucikweni bamntu, kodwa malusekelwe ngamandla kaThixo.
6 Kambe ke into endiyithethayo ibubulumko kwabo bavuthiweyo. Kodwa ke obo abububo ubulumko beli phakade, bungebubo nobabaphathi balo ababhangayo.
7 Ndixela ubulumko bukaThixo obungaziwa mntu, awathi uThixo kwangaphambi kokudalwa kwehlabathi wabumisela ukuze sibe nodumo ngenxa yabo.
8 Akubangakho namnye ke wabaphathi beli hlabathi ubazileyo obo bulumko, kuba, ukuba babebazile, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi enobungangamsha.
9 Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”