8 Akubangakho namnye ke wabaphathi beli hlabathi ubazileyo obo bulumko, kuba, ukuba babebazile, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi enobungangamsha.
9 Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”
10 UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.
11 Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
12 Ke thina asamkelanga moya simnikwe ngabantu; samkele uMoya esimnikwe nguThixo, ukuze sizazi izinto uThixo asibabale ngazo.
13 Ezi zinto ke sizithethayo asizithethi ngabuciko sibunikwe ngumntu, kodwa sizithetha ngobulumko esibunikwe nguMoya oyiNgcwele. Sicacisa izinto ezizezoMoya ngamazwi esiwanikwa nguMoya.
14 Ke umntu ongenaye uMoya akazamkeli izinto zoMoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye. Kaloku akanakuziqonda, kuba ukuxabiseka kwazo kuqondwa kuphela ngulowo ukhokelwa nguMoya.