1 Nam ke, mawethu, bendingenako ukuthetha nani ngendlela endithetha ngayo nabo banaye uMoya, kodwa kwakufuneka ndithethe nani ngendlela endithetha ngayo nabo baselula, baseziintsana kwihambo yobuKrestu.
2 Ndaniseza ubisi, andanipha kutya kuqinileyo, kuba naningekakufaneli. Kanti ke unangoku anikakufaneli,
3 kuba nisaziphethe ngokwesimo esidala. Kaloku xa ninomona, neenkani, nixabana, niziphatha ngokwesimo esidala, nilinganisa abantu.
4 Kakade anilinganisi bantu xa omnye athi: “Mna ndingokaPawulos,” wumbi athi: “Mna ndingoka-Apolo”?
5 Xa ndingubani mna Pawulos, engubani yena uApolo? Sizizicaka nje zikaThixo kuphela, ezinincedayo ukuba nikholwe. Umntu ngamnye kuthi wenza umsebenzi awunikwe yiNkosi.
6 Mna ndatyala, uApolo yena wankcenkceshela, kodwa ke nguThixo okhulisayo.
7 Ngoko ke lowo utyalayo akabalwa, nalowo unkcenkceshelayo akabalwa; obalulekileyo nguThixo, yena ukhulisayo.