11 Ngaphezu koko ke, sineqhayiya novuyo ngaye uThixo, ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu, esithe ngayo saxolelaniswa noThixo.
12 Njengoko isono sangena ehlabathini ngenxa yomntu omnye, ukufa kwangena ngaso isono. Ngokunjalo ke nokufa kwalutyhutyha lonke uluntu, kuba bonke abantu bôna.
13 Isono ke sabakho ehlabathini ungekabikho *umthetho kaMosis. Ke, apho kungekho mthetho, isono sokwaphula umthetho asinakubalelwa mntwini.
14 Ke ukufa kwakutshatshele ukususela kuAdam kwada kwaya kuthi gaa kuMosis, nakwabo basono singafani nesika-Adam. Lo Adam ke wayengumfuziselo waloo Mntu wayeza kufika.
15 Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi.
16 Kanti ke isiqhamo sesipho sikaThixo asinakulinganiswa nesiphumo sesono saloo mntu. Kaloku isiphumo sesono saloo mntu saba kukugwetywa, kodwa isiqhamo sesisa sikaThixo esabakho ngenxa yezono ezininzi, saba kukukhululwa kwabantu.
17 Ukuba ukufa kwakutshatshele ngenxa yesono saloo mntu, abo balwamkelayo ubabalo oluphuphumayo kwanesipho sokwenziwa amalungisa, baya kudla ubomi ngokugqithisileyo ngaloo mntu mnye unguYesu Krestu.