32 Bona babengayiqondi into ayithethayo, besoyika nokumbuza ngayo.
33 Bafika ke eKapernahum, waza uYesu akuba sendlwini, wababuza abafundi bakhe esithi: “Benibuzana ngantoni endleleni?”
34 Bahlala bathi tu, kuba endleleni babephikisana ngokuthi ngubani na omkhulu kunabanye.
35 UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”
36 Wathatha umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamsingatha, wathi kubo:
37 “Othe egameni lam wamkela noko amnye wabantwana abanje, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna nje, wamkela lowo wandithumayo.”
38 UYohane wathi kuYesu: “Mfundisi, sibone umntu okhupha iindimoni egameni lakho, saza samnqanda ke, kuba engenguye oweqela labafundi bakho.”