1 Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.
2 Yena wayekunye noThixo kwasekuqalekeni.
3 Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo. Indalo yonke
4 yaba nobomi ngaye, baza obo bomi baba lukhanyiso eluntwini.
5 Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.
6 UThixo wathuma mntu uthile, ogama linguYohane.
7 Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya, ukuze bonke bakholwe ngenxa yobungqina bakhe.