27 Yena uza emva kwam, kodwa mna andifanele kukhulula nomtya lo wezihlangu zakhe.”
28 Oku kwênzeka eBhetani, ngaphesheya kweJordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.
29 Ngengomso uYohane wabona uYesu esiza kuye, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezela isono sehlabathi.
30 Nguye lo bendixela yena xa bendisithi: ‘Emva kwam kuza umntu omkhulu kunam, kuba wayekho ndingekabikho mna.’
31 Nam ngokwam bendingamazi; koko ndize kubhaptiza ngamanzi ngenjongo yokuba ndimazise kubantu bakwaSirayeli.”
32 UYohane wangqina esithi: “Ndibone uMoya oyiNgcwele esihla enjengehobe, evela ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe.
33 Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’