29 Ngengomso uYohane wabona uYesu esiza kuye, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezela isono sehlabathi.
30 Nguye lo bendixela yena xa bendisithi: ‘Emva kwam kuza umntu omkhulu kunam, kuba wayekho ndingekabikho mna.’
31 Nam ngokwam bendingamazi; koko ndize kubhaptiza ngamanzi ngenjongo yokuba ndimazise kubantu bakwaSirayeli.”
32 UYohane wangqina esithi: “Ndibone uMoya oyiNgcwele esihla enjengehobe, evela ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe.
33 Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’
34 Ke mna, ndikubonile nje oku, ndiyangqina okokuba lo nguye uNyana kaThixo.”
35 Ngengomso uYohane wayelapho kwakhona, enababini kubafundi bakhe.