5 Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.
6 UThixo wathuma mntu uthile, ogama linguYohane.
7 Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya, ukuze bonke bakholwe ngenxa yobungqina bakhe.
8 Yena uYohane ngokwakhe wayengelulo ukhanyiso, koko weza kungqina ngalo.
9 Lowo ulukhanyiso lwenene olukhanyisela wonke umntu, wayesiza ehlabathini.
10 Wafika ke yena ehlabathini; kanti, nangona ihlabathi labakho ngaye nje, alimqondanga.
11 Weza kwelakowabo, aza amawabo akamamkela.