18 Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.”
19 Nala ke amazwi âbanga okokuba amaJuda angavani.
20 Into eninzi yawo yayisithi: “Unendimoni! Uyageza! Ningáthini ukumphulaphula?”
21 Kodwa amanye ayesithi: “Umntu onendimoni akanakuthetha ngolu hlobo. Ibinokuthini indimoni ukuba nako ukuvula amehlo eemfama?”
22 Kwakusebusika ukufika kwexesha letheko lokukhumbula ukuhlaziywa *kwendlu kaThixo eJerusalem.
23 UYesu wayehamba-hamba endlwini kaThixo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.
24 Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.”