33 Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?”
34 Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’
35 Aninakuyijika le ntetho *yeziBhalo. Kaloku uThixo yena uthi bangoothixo abo athetha nabo.
36 Ningáthini ke ukuthi mna ndithetha into emanyumnyezi ngoThixo, xa ndithi ndinguNyana kaThixo, mna ndamiselwayo nguBawo, ndathunyelwa ehlabathini nguye?
37 Ukuba andiwenzi umsebenzi endithunywe wona nguBawo, sanukundamkela;
38 kodwa ukuba ndiyawenza, bamkeleni ubungqina bezenzo zam, nokuba ananeliseki ndim. Ke ngoko noqonda nazi okokuba uBawo ukum, nam ndikuye.”
39 AmaJuda azama kwakhona ukumbamba uYesu, kodwa wawaphepha,