38 kodwa ukuba ndiyawenza, bamkeleni ubungqina bezenzo zam, nokuba ananeliseki ndim. Ke ngoko noqonda nazi okokuba uBawo ukum, nam ndikuye.”
39 AmaJuda azama kwakhona ukumbamba uYesu, kodwa wawaphepha,
40 wabuya wemka waya phesheya kweJordan, apho wayebhaptiza khona kuqala uYohane, wahlala khona.
41 Kweza abantu abaninzi kuye, bathi: “UYohane okunene akazange enze namnye umqondiso, kodwa konke awakuthethayo ngalo mntu kuyinyaniso.”
42 Abantu abaninzi ke balapho bazinikela kuye.