46 Kodwa athile kuwo abuyela *kubaFarasi, abaxelela oko uYesu akwenzileyo.
47 Ke ngoko abaFarasi nababingeleli abaziintloko babiza intlanganiso *yeBhunga, bathi: “Makuthiweni na? Nanku lo mntu esenza imiqondiso emininzi.
48 Ukuba sithe samyeka waqhuba ngolu hlobo, bonke baya kukholwa kuye, aze eze amaRoma, ayidilize *indlu kaThixo, alutshabalalise uhlanga lwethu.”
49 Omnye wabo, uKayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka, wathi: “Anikayiqondi mpela le nto!
50 Aniqondi na okokuba kunilungele ukuba umntu omnye afele abantu, kunokuba kutshatyalaliswe uhlanga lonke?”
51 Oku akakuthethanga kuphuma kuye. Watsho kuba wayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka, ebhengeza okokuba uYesu wayeza kulufela uhlanga,
52 engafeli lona kuphela, koko efela bonke abantwana bakaThixo abathe saa, ebahlanganisela ndawonye.