50 Aniqondi na okokuba kunilungele ukuba umntu omnye afele abantu, kunokuba kutshatyalaliswe uhlanga lonke?”
51 Oku akakuthethanga kuphuma kuye. Watsho kuba wayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka, ebhengeza okokuba uYesu wayeza kulufela uhlanga,
52 engafeli lona kuphela, koko efela bonke abantwana bakaThixo abathe saa, ebahlanganisela ndawonye.
53 Kwathi ke ukususela ngaloo mini iinkokheli zamaJuda zabhunga ukumbulala uYesu.
54 Ke ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhleni kwelakwaJuda, kodwa wemka waya ngasentlango, kwidolophu ekuthiwa yeyakwaEfrayim, wahlala khona apho enabafundi bakhe.
55 Itheko lamaJuda ekuthiwa *yiPasika, lalisondele; baza ke baba baninzi abaphuma kuloo mimandla, besiya eJerusalem ngaphambi kwePasika, ukuze bazihlambulule.
56 Babemfuna uYesu; baza bathi bakuhlangana endlwini kaThixo, bamana bebuzana besithi: “Nithini na? Makube akezi ePasikeni?”