16 Abafundi bakhe abazange bayiqonde le nto kuqala, kodwa kwathi akuba uYesu evukile ekufeni, bakhumbula okokuba iziBhalo ziyakuxela oku, bakhumbula nokokuba bamenzele oku kanye.
17 Abantu ababekho oko uYesu wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, emvusa ekufeni, babebabalisela abanye ngaloo nto.
18 Ke ngoko indimbane yaya kumhlangabeza uYesu, kuba yayivile ngokwenza kwakhe loo mqondiso.
19 Baza *abaFarasi bathethana besithi: “Khangelani, yeyele ngomkhono! Nanko elandelwa lilizwe lonke!”
20 Kwakukho namaGrike phakathi kwabo bantu babeye kunqula eJerusalem ngexesha lomsitho *wePasika.
21 Ke wona aya kuFilipu, lowo waseBhetesayida eGalili, acela esithi: “Nkosi, sifuna ukubona uYesu.”
22 UFilipu waya kuxelela uAndreya, baza bahamba bobabini baya kuxelela uYesu.