2 Walungiselelwa isidlo ke uYesu, waza uMarta wabaphakela, uLazaro engomnye wababehleli etafileni kunye noYesu.
3 UMariya wathatha amafutha angangxengwanga esiqholo esiyinadusi, abunzima bungaphezulwana kwamakhulu amathathu eegram, axabiso likhulu, wathambisa ngawo iinyawo zikaYesu, wazisula ngeenwele zakhe. Yatsho indlu yazala livumba elimnandi lesiqholo eso.
4 Ke ngoko omnye wabafundi bakaYesu, uJudas Sikariyoti, lowo wayeza kumngcatsha, wathi:
5 “Kutheni esi siqholo singàthengiswa ngamakhulu amathathu eerandi nje, ize loo mali inikwe amahlwempu?”
6 Esitsho nje, kwakungekuko okokuba ebewakhathalele amahlwempu, koko wayesitsho kuba wayelisela. Ingxowa yabo yemali yayiphathwa nguye, emana ukucuntsula kuyo.
7 Kodwa uYesu wathi: “Myeke; sukumkhathaza. Esi siqholo ebesigcinele ukulungiselela ukungcwatywa kwam.
8 Amahlwempu aya kuhlala ekho, kodwa aniyi kuhlala ninam mna.”