32 Mna ke, ndakuba ndithe ndaphakanyiswa ndemka emhlabeni, ndiya kubatsalela kum bonke.”
33 Esitsho nje, wayebaqondisa ngendlela aza kufa ngayo.
34 Isihlwele ke saphendula sathi: “*IziBhalo zithi *uKrestu uya kuhlala nathi kude kube nîni. Ungathini ke wena ukuthi *uNyana woLuntu umelwe kukuphakanyiswa emke? Kakade ngubani yena lo Nyana woLuntu?”
35 Waza uYesu wathi kubo: “Aliselide ixesha ninalo ukhanyiso. Ke ngoko hambani ekukhanyeni, nisenalo nje ukhanyiso, hleze ubumnyama buniqubule, kuba lowo uhamba ebumnyameni akayiqondi indlela ahamba ngayo.
36 Hlalani nithembele kulo ukhanyiso ngoku nisenalo, ukuze nibe ngabantu bokukhanya.”Akuba etshilo uYesu wazimela wemka.
37 Nangona uYesu wayenze imiqondiso engako phambi kwabo, abakholwanga kuye.
38 Le nto yênzeka izalisekisa oko kwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:“Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?Amandla eNkosi ngaba atyhileke kubani na?”