4 Ke ngoko omnye wabafundi bakaYesu, uJudas Sikariyoti, lowo wayeza kumngcatsha, wathi:
5 “Kutheni esi siqholo singàthengiswa ngamakhulu amathathu eerandi nje, ize loo mali inikwe amahlwempu?”
6 Esitsho nje, kwakungekuko okokuba ebewakhathalele amahlwempu, koko wayesitsho kuba wayelisela. Ingxowa yabo yemali yayiphathwa nguye, emana ukucuntsula kuyo.
7 Kodwa uYesu wathi: “Myeke; sukumkhathaza. Esi siqholo ebesigcinele ukulungiselela ukungcwatywa kwam.
8 Amahlwempu aya kuhlala ekho, kodwa aniyi kuhlala ninam mna.”
9 Yeva ke indimbane yamaJuda okokuba uYesu useBhetani, yaya khona, ingayi kubona uYesu kuphela, koko isiya kubona noLazaro, lowo uYesu wamvusayo ekufeni.
10 Babhunga ke ababingeleli abaziintloko okokuba bambulale noLazaro,