45 Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo.
46 Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.
47 Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa.
48 Ukho omgwebayo lowo ungandifuniyo, ongawamkeliyo amazwi am. Ilizwi endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.
49 Kaloku mna andithethanga nto ivela kum; nguBawo ngokwakhe, yena ondithumileyo, ondiyalele okokuba mandithini, ndithethe ntoni na.
50 Ndiyazi ke okokuba lo myalelo wakhe ububomi obungonaphakade. Ke ngoko into endiyithethayo kuphela yileyo uBawo andiyalele ukuba mandiyithethe.”