1 Laliselisondele itheko *lePasika. UYesu ke wayesazi okokuba lifikile ixesha lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise. Wayesoloko ebathanda abo bangabakhe kweli hlabathi, wabathanda kwada kwaba sekugqibeleni.
2-3 Ngokuhlwa uYesu nabafundi bakhe babesetafileni besitya. Umtyholi wayeselekufakile entliziyweni kaJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, okokuba angcatshe uYesu. UYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto; esazi okokuba yena uvela kuThixo, kwaye uya kuThixo.
4 Waza ke uYesu waphakama etafileni, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, wabhinqa itawuli,
5 wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, ezisula ngetawuli awayeyibhinqile.