14 Nizizihlobo zam ke nina, ukuba niyayenza imiyalelo yam.
15 Andisatsho kuni ukuthi nizizicaka, kuba isicaka asikwazi okwenziwa yinkosi yaso. Ndinibiza ngokuthi nizizihlobo, kuba ndinixelele konke endikuvileyo kuBawo.
16 Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.
17 Ndiniwisela lo mthetho ke: ‘Thandanani!’ ”
18 “Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.
19 Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi ngelinithanda okwabalo. Kodwa aningabo abehlabathi, kuba mna ndaninyula kulo ihlabathi. Kungoko linithiyileyo ihlabathi.
20 Likhumbuleni ilizwi endalithethayo kuni, ndisithi: ‘Akukho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.’ Banditshutshisile mna; ke ngoko bonitshutshisa nani. Abayamkelanga imfundiso yam; neyenu ke abayi kuyamkela.