20 Likhumbuleni ilizwi endalithethayo kuni, ndisithi: ‘Akukho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.’ Banditshutshisile mna; ke ngoko bonitshutshisa nani. Abayamkelanga imfundiso yam; neyenu ke abayi kuyamkela.
21 Ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yam, kuba abamazi lowo undithumileyo.
22 Ukuba bendingathethanga nabo, ngebengabanga natyala; kodwa ngoku abanandawo bangalandula ngayo malunga nesono sabo,
23 kuba ondithiyileyo mna uthiye kwanoBawo.
24 Ukuba babengandibonanga ndisenza imisebenzi engazange yenziwa mntu, ngebengabanga natyala; kodwa bayibonile imisebenzi yam, kanti noko bandithiyile mna, bamthiyile naye uBawo.
25 Noko, bekumelwe kukuba njalo, ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo elithi: ‘Bandithiya kungekho sizathu mpela.’
26 “Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.