1 “Ndinixelele ezi zinto ukuze ningahlehli elukholweni.
2 Niya kusikwa *ezindlwini zesikhungo; ewe, kuya kufika ixesha lokuba bonke abanibulalayo bacinge ukuba bakhonza uThixo ngokwenjenjalo.
3 Ezo zinto baya kuzenza kuni, kuba bengamazanga uBawo, bengandazanga nam.
4 Ndinixelela ezi zinto ukuze kuthi, lakufika ixesha lokuba ezi zinto bazenze, nikhumbule okokuba ndandinixelele.”“Ekuqaleni andinixelelanga ezi zinto, kuba bendikunye nani.