8 Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa:
9 isono esi kukuba bengakholwa kum;
10 ubulungisa obu kukuba ndisiya kuBawo, nize ningabi sandibona;
11 umgwebo lo kukuba selegwetyiwe umphathi weli hlabathi.
12 “Ziseninzi izinto endinokuzithetha nani, kodwa zinganixaka okwangoku.
13 Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. Akayi kuthetha ngegunya elilelakhe, koko uya kuthetha izinto azivileyo, anichazele izinto ezizayo.
14 Yena uya kundenzela iwonga, kuba izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum.