12 Oko bendikunye nabo, bendibakhusela ngegunya legama lakho, elo wandinika lona.Ezinye iikopi ezindala zithi “abo wandinika bona” Ndabakhusela, akwaduka namnye kubo, ngaphandle komduka lowo, owazalisekisa okuxelwe *kwiziBhalo.
13 Njengokuba sendiza kumka, ndize kuwe, ezi zinto ndizithetha ndisesehlabathini, ukuze baphuphume luvuyo lwam.
14 Ilizwi lakho ndiligqithisele kubo. Ke lona ihlabathi libathiyile, kuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingengowalo ihlabathi.
15 Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.
16 Nanjengokuba mna ndingenguye owehlabathi, nabo abangabo abehlabathi.
17 Benze babe ngabakho ngayo inyaniso. Lilizwi lakho inyaniso.
18 Ndibathume ehlabathini njengokuba nam wandithumayo ehlabathini.