3 Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.
4 Ndibubonakalisile ubungangamsha bakho ehlabathini; ndiwufezile umsebenzi ondithume wona.
5 Ndiwonge ke ngoku kunye nawe, Bawo, ngelo wonga ndandinalo ndikunye nawe ihlabathi lingekadalwa nokudalwa.
6 “Ndikwazisile kwabo wandinika bona ubahlula kwabehlabathi. Babengabakho, wabanika mna. Ilizwi lakho libangene.
7 Ke ngoku bayaqonda ukuba yonke into endinayo, ivela kuwe.
8 Ndilugqithisile udaba obundithume lona kubo. Baqonde kakuhle bakholwa ukuba ndivela kuwe, bavuma ukuba ndithunywe nguwe.
9 “Ndithandazela bona ke; andithandazeli abo behlabathi. Kuphela ndithandazela abo undinike bona, kuba bengabakho.