7 Ke ngoku bayaqonda ukuba yonke into endinayo, ivela kuwe.
8 Ndilugqithisile udaba obundithume lona kubo. Baqonde kakuhle bakholwa ukuba ndivela kuwe, bavuma ukuba ndithunywe nguwe.
9 “Ndithandazela bona ke; andithandazeli abo behlabathi. Kuphela ndithandazela abo undinike bona, kuba bengabakho.
10 Bonke abangabam, bangabakho; yaye bonke abangabakho, bakwangabam. Nditsho ndaduma ke ngenxa yabo.
11 Njengoko ndisiza kuwe sendinjengongasekhoyo ehlabathini. Kambe ke bona basesehlabathini. Bakhusele, Bawo ongcwele, ngegunya legama lakho, elo wandinika lona, ukuze bahlale bebanye njengokuba mna nawe sibanye.
12 Oko bendikunye nabo, bendibakhusela ngegunya legama lakho, elo wandinika lona.Ezinye iikopi ezindala zithi “abo wandinika bona” Ndabakhusela, akwaduka namnye kubo, ngaphandle komduka lowo, owazalisekisa okuxelwe *kwiziBhalo.
13 Njengokuba sendiza kumka, ndize kuwe, ezi zinto ndizithetha ndisesehlabathini, ukuze baphuphume luvuyo lwam.