1 Emva kwalo mthandazo uYesu wawelela ngaphesheya komlanjana iKedron, ehamba nabafundi bakhe. Kwakukho igadi kuloo ndawo; uYesu wangena kuyo kunye nabafundi bakhe.
2 UJudas, umngcatshi wakhe, naye wayeyazi loo ndawo, kuba uYesu nabafundi bakhe babedla ngokuhlangana kuyo.
3 Ke ngoko uJudas waya kuloo ndawo, ehamba neqela lamajoni nabagadi bendlu kaThixo, bephethe izibane, nezikhuni ezivuthayo, nezikhali, bethunywe ngababingeleli abaziintloko nabaFarasi.
4 UYesu ekwazi konke okwakuza kumhlela, wabakhawulela, wathi: “Nifuna bani?”
5 Baphendula bathi: “UYesu waseNazarete.”Wathi ke kubo: “Ndinguye.”UJudas umngcatshi wayemi kunye nabo.