21 Usandibuza ntoni ke? Buza kwabo bantu bandivileyo. Bayazazi izinto endazithethayo.”
22 Akugqibanje ukutsho, omnye wabagadi bendlu kaThixo owayekufuphi naye, wambetha ngempama, esithi: “Yindlela yokuphendula umbingeleli omkhulu le?”
23 Wamphendula uYesu wathi: “Ukuba ndithethe ngendlela engeyiyo, cacisa ke. Kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethela ntoni?”
24 UAnas ke wamthumela uYesu esabotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
25 UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?”Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.”
26 Isicaka esithile sombingeleli omkhulu, esizalana nalaa ndoda eyasuswa indlebe ngekrele nguPetros, sathi: “Akunguye na lo bendimbone egadini kunye naye laa mntu?”
27 Wakhanyela kwakhona uPetros. Kwangoko yakhala inkuku.