4 UYesu ekwazi konke okwakuza kumhlela, wabakhawulela, wathi: “Nifuna bani?”
5 Baphendula bathi: “UYesu waseNazarete.”Wathi ke kubo: “Ndinguye.”UJudas umngcatshi wayemi kunye nabo.
6 Akuba uYesu ethe: “Ndinguye,” babuya umva, bawa phantsi.
7 Wababuza kwakhona uYesu esithi: “Nifuna bani?”Bona bathi: “UYesu waseNazarete.”
8 Wathi uYesu: “Nditshilo ukuba ndinguye. Ke ukuba nifuna mna, bayekeni bazihambele aba.”
9 Esitsho nje wayesenzela ukuba lizaliseke ilizwi awalithethayo kuYise esithi: “Bawo, akudukanga namnye kwabo wandinika bona.”
10 Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko.