1 Waza uPilato wayalela ukuba uYesu makakatswe.
2 Amajoni oluka isithsaba sameva, amfaka sona entloko, amambathisa ngengubo ebomvu,
3 amana esithi kuye: “Aa! Kumkani wamaJuda!” Aza ambetha.
4 Waphinda uPilato waphuma, wathi kumaJuda: “Niyabona, ndimzisa kuni, ukuze niqonde ukuba andifumani tyala kuye konke.”
5 Waphuma ke uYesu, ethwele isithsaba sameva, ambethe ingubo ebomvu. UPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke!”