6 Bakumbona ababingeleli abaziintloko nabagadi *bendlu kaThixo badanduluka besithi: “Bethelela emnqamlezweni! Bethelela emnqamlezweni!”Waza wathi kubo uPilato: “Mthatheni ngokwenu, nimbethelele emnqamlezweni, kuba mna andifumani tyala kuye.”
7 Amphendula amaJuda athi: “Thina sinomthetho; yaye umelwe kukuba afe ngokwalo mthetho, kuba ezenza uNyana kaThixo.”
8 Akuyiva loo nto uPilato, wothuka ngakumbi,
9 waphinda wangena ngaphakathi, wathi kuYesu: “Uvela phi wena?” Kodwa uYesu akamphendulanga.
10 UPilato wathi kuye: “Akufuni kundiphendula? Uyaqonda na ukuba ndinegunya lokukukhulula, ndinako nokukubethelela emnqamlezweni?”
11 Waphendula uYesu wathi: “Ngewungenagunya kum mpela ukuba ubungalinikwanga nguThixo. Ngoko ke oyena unetyala ngulowo undizise kuwe.”
12 UPilato kwaba kukhona afuna ukumkhulula, kodwa amaJuda adanduluka esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, uya kuba akukho *ngakuKhesare. Kaloku umntu ozenza ukumkani, uchasa uKhesare.”